Previous Page  9 / 16 Next Page
Information
Show Menu
Previous Page 9 / 16 Next Page
Page Background

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUST

9

nexesha elifanayo kunyaka ophelileyo, kanti ukwehla okukhulu kunxulu-

nyaniswa nokutya okusiliweyo.

Ngokweengqikelelo zentengiso nezentengo, isixa ekujoliswe kuso

sokuthengiswa ngaphandle sombona ziitoni zezigidi ezingama- 2,150

kwixesha lango-2020/2021 size sibe ziitoni zezigidi ezili-1,613 esezi-

thengiswe ngaphandle. Malunga neetoni ezingama-475 915 zombona

omhlophe uthengiswe emazweni angqonge eli kanti kutshanje uthu-

nyelwe eItaly. Umbona otyheli othengiswe ngaphandle, ubukhulu

becala usiwe eVietnam, eTaiwan, eJapan, eKorea nasemazweni asi-

ngqongileyo (

Isazobe 1

). Kanti kukwakho iitoni ezingama-300 000

zeemveliso zombona eziguqu-guqulweyo ukwenzela ukuthengisa

ngaphandle ngexesha lentengiso lango-2020/2021 zaze zamalunga

nama-148 927 iitoni esezithengiswe ngaphandle.

IINGUQUKO ZAMAXABISO

Amaxabiso eli lizwe aqale ukunyuka kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo,

unobangela ongundoqo ube kukuba phezulu kwamaxabiso ehlabathi

neqondo lotshintshiselwano elibuthathaka. Ukususela kuJuni ngo-2020,

amaxabiso angoDisemba ombona omhlophe ekamva anyuke ngama

37,8% aze amaxabiso angoDisemba ombona otyheli ekamva anyuka

ngama 29,5% (

Isazobe 2

).

Uqikelelo lwexesha lokulima elitsha malunga nocwangciselo

lokulima lubonakala luluhle, ngoko ke, kulindeleke ukuba umsebenzi

wokulima weli lizwe ube mhle ngexesha lokulima lango-2020/2021.

Ngokwengxelo yakutshanje yeCEC, iinjongo zokulima ngo-2021 zizigidi

ezingama-2,746 zeehektare zombona kwaye zingaphezulu ngehektare

ezingama-135 200 kunezexesha lokulima elidlulileyo. Ngexesha loku-

bhala eli nqaku, inkoliso yokutyala ibisafanele ukwenziwa ngoko ke,

usemkhulu umngcipheko wokulima, kananjalo iimeko zemozulu ziya

kuba nendima ebalulekileyo kwiinyanga ezimbalwa ezizayo.

Ngokuqwalaselwa iinguquko zamaxabiso ezinokubakho, xa kufuma-

neke isityalo esihle, amaxabiso angakekelela kumanqanaba entlawulo

yokuthengisa emazweni angaphandle, kodwa

eminye imibandela eyalatha imeko iya kuba liqo-

ndo lotshintshiselwano kunye namaxabiso ehla-

bathi. Ukuba amaxabiso ehlabathi asephezulu

kwaye iqondo lotshintshiselwano lisebuthathaka

njengamanqanaba angoku, singabona amaxabiso

ephakathi kwama-R2 800 nama-R3 400 kwixesha

lokulima lango-2020/2021.

Ukuba amaxabiso ehlabathi ayehla kodwa

iqondo lotshintshiselwano libe namandla, amaxa-

biso eli lizwe anokuhla abe ngaphantsi kwi-R2 500.

Elokushwankathela, amaxabiso angaba phakathi

kwama- R2 500/ngetoni nama-R4 500/ngetoni.

Imeko enokulindeleka kakhulu ngenxa yeziseko

zentengiso zangoku kukuba amaxabiso afanele uku-

ba phakathi kwama-R2 800/ngetoni nama-R3 200/

ngetoni.

2

2019*

2020*

unyaka/unyaka

% yenguquko

2019*

2020*

unyaka/unyaka

% yenguquko

Uguqu-guqulelwe

intengiso yeli

Umbona

omhlophe

Umbona

omhophe

Umbona otyheli Umbona otyheli

Okwabantu

2 322 589

2 655 545

14,34

312 310

311 126

-0,38

Okwezilwanyana

206 218

519 948

152,14

2 562 390

2 159 822

-15,71

Okusilwayo

5 325

5 664

6,37

5 539

3 224

-41,79

Kuphelele

2 534 132

3 181 157

25,53

2 880 239

2 474 172

-14,10

Umbona oguqu-guqulelwe ukusetyenziswa kweli lizwe.

Umthombo weenkcukacha: SAGIS

*Apreli - Septemba

2

Iinguquko zamaxabiso ekamva emboneni omhlophe notyheli.

Umthombo weenkcukacha: Grain SA