MADE POSSIBLE BY
THE MAIZE TRUST
16
MADE POSSIBLE BY
THE MAIZE TRUST
16
Yazi imida yokuqalisa ukutyala...
Impumezo yokugqiba ngomaleko ongaphezulu.
Ifoto: Jenny Mathews
Iinyanga ezibandayo noko
Asinakulibala ukuba esinye isoyikiso malu-
nga nesityalo sifika ekupheleni komjikelo
wokukhula xa kuqalisa iinyanga ezibandayo.
Isityalo sombona sidinga iintsuku eziphakathi
kwe-120 ne-140 ezingenaqabaka kuxhome-
keke kumhlanganisela. Ngenxa yesi sizathu
umntu akanakuzifaka emngciphekweni wo-
kutyala imbewu yombona selihambe kakhu-
lu ixesha kuba iqabaka phezu kwezityalo
zombona ezisakhulayo ingabangela iilahleko
ezinkulu zesivuno.
Kukwakho umda wokuqalisa kwexesha
elifanelekileyo lokuvuna – elo lixesha xa
inkoliso yezityalo seyivuthwe ngokuphele-
leyo. Thina sazi abalimi abaninzi abasa-
phuhlayo abaphantsi koxinzelelo lwabanini
bemfuyo ukuba basuse izityalo zabo emasi-
mini ukuze iinkomo zitye emasimini ombo-
na. Kaninzi oku kuneenkathazo zazo. Xa
isikhwebu sombona sivunwe sisenesiqu-
latho esiphezulu sokufuma siyabuna, silahle
ubunzima baso kanti okona kukhathazayo,
kukuba okunokwenzeka kukonakala okanye
ukuba sesichengeni sezifo. Isivuno siya kuba
sidlelelelwa ngokungeyomfuneko ukuba
isithuba sokuvuna asithathelwa ngqalelo.
Imihla ethile yengingqi
Sithetha ngexesha lesithuba kodwa ku-
kwabalulekile ukukhumbula ukuba imihla
yokutyala ihambelana nengingqi. Ixesha
elilungileyo lokulima isityalo sombona
eMpumalanga lahlukile kwixesha ekuthi-
wa lilungile lokutyala umbona eMntla
Ntshona. Amanqanaba okufuma emihla-
beni kunye nobushushu bemihlaba kuya
kufuneka ukuba zibe kwimida efaneleki-
leyo yokuqalisa kokubumbeka kwembe-
wu ukuze siphumelele.
Ukuba uyayazi imida efanelekileyo
yokuqalisa ukutyala kwaye unako ukubambe-
lela kuloo mihla, izityalo ziya kuba nelona
thuba lihle lokuvelisa ezona zivuno ziphezulu
kuba kukwelo xesha apho isityalo sinikwa
khona lonke ithuba lokukhula kakuhle side
sifikelele ekuvuthweni okupheleleyo phantsi
kweemeko zemozulu ezifanelekileyo (ngethe-
mba) leemvula ezilungileyo, ukukhanya
kwelanga okwaneleyo neeyunithi zobushu-
shu ngokunjalo namaqondo obushushu
aphakathi entshonalanga.
KWAZI OKWAKHO
ONOKUKHETHA KUKO
Abalimi bafanele ukuba nolwazi futhi
baphaphame. Kufuneka kubekho isicwa-
ngciso samanyathelo engqondweni enga-
semva yomlimi ngamnye malunga nendlela
aya kuhlangabezana ngayo nemimiselo
engenazinzo.
PULA
THIS PUBLICATION IS
MADE POSSIBLE BY THE
CONTRIBUTION OF
THE MAIZE TRUST
IMVULA
Iqela labahleli
GRAIN SA: PRETORIA
PO Box 74087
Lynnwood Ridge
0040
▪
08600 47246
▪
www.grainsa.co.za
UKUMISELWA
KWABAHLELI
Liana Stroebel
▪
084 264 1422
▪
e-Ofisini: 012 943 8285
liana@grainsa.co.za
UMAHLULELANE KUPAPASHO
INFOWORKS
Johan Smit
▪
Ingrid Bailey
▪
Marisa Fourie
▪
018 468 2716
▪
johan@infoworks.biz
INkqubo yeGrain SA
yoPhuhliso lwabaLimi
ABAQUQUZELELI BOPHUHLISO
Johan Kriel
Free State (Ladybrand)
▪
079 497 4294
▪
johank@grainsa.co.za
Jerry Mthombothi
Mpumalanga (Nelspruit)
▪
084 604 0549
▪
jerry@grainsa.co.za
▪
e-Ofisini: 012 943 8289
▪
Smangaliso Zimbili
Jurie Mentz
Mpumalanga/KwaZulu-Natal (Louwsburg)
▪
082 354 5749
▪
jurie@grainsa.co.za
▪
e-Ofisini: 012 943 8218
Graeme Engelbrecht
KwaZulu-Natal (Dundee)
▪
082 650 9315
▪
graeme@grainsa.co.za
▪
e-Ofisini: 012 943 8287
▪
Nkosinathi Mazibuko
Luke Collier
EMpuma-Koloni (Kokstad)
▪
083 730 9408
▪
luke@grainsa.co.za
▪
e-Ofisini: 012 943 8280
▪
Luthando Diko
Liana Stroebel
ENtshona-Koloni (Paarl)
▪
084 264 1422
▪
liana@grainsa.co.za
▪
e-Ofisini: 012 943 8285
▪
Hailey Ehrenreich
Du Toit van der Westhuizen
North West (Lichtenburg)
▪
082 877 6749
▪
dutoit@grainsa.co.za
▪
e-Ofisini: 012 943 8290
▪
Lebo Mogatlanyane
Cwayita Mpotyi
Mthatha
▪
078 187 2752
▪
umthata@grainsa.co.za
▪
e-Ofisini: 012 943 8277
IPULA IMVULA IFUMANEKA
NGEELWIMI EZILANDELAYO:
isiXhosa, IsiNgesi, iSeTswana, iSesotho nesi IsiZulu.
Articles written by independent writers are the
views of the writers and not that of Grain SA.