Previous Page  13 / 16 Next Page
Information
Show Menu
Previous Page 13 / 16 Next Page
Page Background

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUST

13

ZIYINTONI IZIQALELO EZIQUQUZELAYO?

Izondlo zezityalo zibambeka emhlabeni oyisanti, udongwe nakwintlenga

embaxa okanye umxube ojiyileyo. Emhlabeni olungelelene kakuhle umxu-

be ojiyileyo ombaxa unako ukubamba iziqalelo ezifumaneka ngezixa ezinci-

nanana ezingundoqo kunye nezinye. Izityalo zinokusebenzisa ezi zondlo xa

kufuneka ngolo hlobo kumabakala ngamabakala okuziphinda-phinda na-

wokukhula ngokubumbeka.

Iziqalelo eziququzelayo zifumaneka ngemisebenzi esabukhe-

mikhali kunye nezinye iziqalelo ezikwanjalo okanye kumxube ojiyi-

leyo womhlaba. Okufumaneka kwimixube kusoloko kunentshukumo,

kuguquka ukusuka kumdibaniso othile ukuya komnye kulwakhiwo

lomxube oguqu-guqukayo nosisiseko somhlaba kananjalo nemijikelo

yobomi yezidalwanana embaxa.

Imihlaba ivavanyelwa icalcium (Ca), imagnesium (Mg), ipotassium (K),

isodium (Na), iammonium nitrogen, ezinye iziqalelo eziququzelayo kunye

nezinye iityuwa eziliqela ezibalulekileyo ezifumaneka ngezixa ezincinanana.

Ezi zondlo ziququzelayo zaziwa ngokubanzi ngokuthi ziibheyisi. Zisenokuba

nesiququzeli esinye okanye ezibini. Ezo zochasiso kuthiwa ziziqalelo zocha-

siso (

anions

).

Ukuba unokucinga ngeemagnethi ezimbini enye ibe kwinkalo engasentla

ukuze enye ibe kwengasezantsi – xa udibanisa iinkalo ezingasentla okanye

ezingasezantsi kunye la macala mabini akhabana ngenxa yamandla ema-

gnethi. Kodwa xa kudityaniswa inkalo engasentla nengasezantsi kubakho

umtsalane onamandla ukuze zigcinwe zikunye. Ngokunjalo, ngamazwi

alula, izondlo zezityalo eziququzelayo ziya kuba nomtsalane onamandla

kumphezulu weziqalelo zochasiso.

Imiphezulu yeziqalelo zezichasiso ifumaneka kwimixube ejiyileyo yomhla-

ba nangakumbi kumaqhezu esichumiso esivundileyo somhlaba. Iziqalelo

eziququzelayo ziyahluka ngobukhulu nangokuququzela. Umxube okanye

ipesenti yaso ngasinye isiqalelo phakathi kwazo zonke iziqalelo eziququzelayo

ezinamathele kumxube ojiyileyo nombaxa womhlaba waziwa ngokuba kuku-

phuphuma kwebheyisi. Okanye ngamanye amazwi, izityalo zidinga isondlo

ngasinye esingakanani esifanele ukubanjwa emhlabeni othile.

Ulungelelwano olufanelekileyo olumiselwa nguGq Albrecht nabanye

abaphandi lunjengendlela elandelayo:

Icalcium 60% ukuya kuma 70%, imagnesium 10% ukuya kuma

20%, ipotassium 2% ukuya kwi 5%, isodium 0,5% ukuya kwi 3%,

ezinye iziqalelo eziququzelayo okanye iibheyisi 5%.

Amanqanaba obumuncu okanye e-pH yemihlaba kunye nenkqubo

yokufakwa kwekalika aya kwalatha ukuba ingaba ulungelelwano olungase-

ntla nolufanelekileyo luya kuphunyezwa na. Amanqanaba olungelelwano

angasentla ngoku aboniswa ziilabhoratri ezininzi okanye asenokubalwa

ukususela kwizixa ezahlukileyo eziboniswa kwingxelo yohlalutyo lwemi-

hlaba. Thelekisa uhlalutyo lwemihlaba yakho neziphumo ezingasentla

ezifanelekileyo. Izixa zikholisa ukuboniswa ngokweemiligram zesondlo

ngasinye ngekhilogram yomhlaba.

Ngoko ke, iCEC ingumlinganiselo wendlela olunge ngayo umhlaba

wakho ekubambeni izondlo zezityalo ezibalulekileyo. Ezinye iilabhoratri

zikubonisa oku njengeSakhono esiPheleleyo soTshintshiselwano (

Total Ex-

change Capacity – TEC

). Umhlaba onesanti eninzi kodwa onezinto ebeziphila

ezincinane kakhulu okanye ezingekhoyo kwaphela okanye isichumiso esi-

vundileyo siya kubonisa iCEC encinane kakhulu kunye nomhlaba ochume

kakhulu ngezinto ezaziphila ziya kuba neCEC okanye iTEC ephezulu.

ISIPHELO

Qwalasela iziphumo zohlalutyo lomhlaba wakho ukuze ubone ukuba inga-

ba imihlaba yakho iyahambelana na nale ifanelekileyo. Uze wandule ukwe-

nza iinguquko ezidingeka kwizenzo zokulima nezokufaka isichumiso ukuze

kuphucuke imihlaba yakho ukwenzela Ikamva elilozinzo.