Previous Page  15 / 16 Next Page
Information
Show Menu
Previous Page 15 / 16 Next Page
Page Background

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUST

15

Success isn’t always about greatness.

It’s about consistency. Consistent hard work

leads to success. Greatness will come.

~ DWAYNE “THE ROCK” JOHNSON

W

ORDS OF

ISDOM

Kufuneka kubekho isicwangciso samanyathelo

engqondweni engasemva yomlimi ngamnye

malunga nendlela aya kuhlangabezana

ngayo nemimiselo engenazinzo.

N

GOKWESIQHELO UMDA WOKUQALISA NGUMGA-

NGATHO KUMDA WOKUNGENA KWISAKHIWO

OKANYE EGUMBINI – XA UMNTU ENGENA KWE-

SO SITHUBA, UNQUMLA UMDA WOKUNGENA.

KUSENOKUBHEKISELELA KWAKHONA KWITHUBA

ELITHILE LEXESHA, UMZEKELO NGOBUSUKU BOKUQHAWUKA

KONYAKA OMDALA NGENTSIMBI YE-12 ELINGUMDA WOKU-

NGENA KUNYAKA OMTSHA, NAXA UMTSHAKAZI ETSHATA

SUKUBA EMI KUMDA WOKUQALISA UBOMI OBUTSHA NO-

MYENI WAKHE.

Kwangayo le ndlela singathi xa sijonge ikhalenda yomlimi siphawule ukuba

kukho amathuba ambalwa ohlobo olulodwa kwixesha lokulima ayimida

yokuqalisa okutsha. Umlimi onamava uya kuxelelwa ngumoya wakhe

ukuba yeyiphi imida yokuqalisa okutsha, kodwa umlimi omtsha okanye

osaphuhlayo ufanele ukufunda ngemida yokuqalisa okutsha ephathelele

kwingingqi enza kuyo umsebenzi wokufama ngokubuza indlela kubalimi

abadala nakwiingcaphephe zolimo ezinamava. Ukuyazi imihla yemida

yokuqalisa okutsha sisixhobo sokulwa esibalulekileyo ebhokisini yezixhobo

zomlimi!

Ngoko ke, yeyiphi le mida yokuqalisa okutsha afanele ukuyazi umlimi?

Kukho imida eyiyona ifanelekileyo yokuqalisa ukutyala, ukutshabalalisa

ukhula, ukutshabalalisa izinambuzane ezonakalisayo neyokuvuna. Kweli

nqaku siza kuqwalasela imida yokuqalisa ukutyala.

IMIHLA EFANELEKILEYO YOKUTYALA

Umngeni oqhelekileyo abajongene nawo abalimi abasaphuhlayo kuku-

fumana uncedo lwemali yokuthenga iimveliso zamalungiselelo ezityalo

zabo ixesha liselihle. Abalimi kufuneka baqalise kwangoko ukuhlanga-

nisela isicwangciso seshishini esivakalayo baze basinike abo banokuba

ngababoneleli babo bemali. Sesibone iziganeko eziliqela zokutyunjwa

kwabalimi njengeendlalifa zeprojekthi engummangaliso – kodwa okwe-

nzekayo mhlawumbi kukufumaneka kwemali yoncedo selidlule kakhulu

ixesha, okanye iimveliso zamalungiselelo ziziswe selidlule kakhulu ixesha

kuze oku kuthintele umlimi emsebenzi wakhe emasimini ixesha liselihle

futhi angakwazi ukuqalisa ngemihla eyiyona ifanelekileyo yokutyala.

Oku kuduba umphefumlo kuba kuthetha ukuba isityalo sesikwimeko

engathembeki kakuhle singekalinywa ngokunjalo nezivuno ngokuqinise-

kileyo azinakuba zihle kangako. Olunye uxanduva esiluthwala ngamandla

njengeqela laseGrain SA loPhuhliso lwabaLimi kukuxhasa nokufundisa

abanye abadlali-ndima ngendlela ebaluleke ngayo imida yokuqalisa okutsha

okanye eyonamihla ifanelekileyo yokutyala ukuze sibe nempumelelo isityalo.

Iinyanga ezifudumeleyo

Ngakwicala lomsebenzi siyazi ukuba umbona sisityalo semozulu efudume-

leyo. Umbona udinga inani elithile elimiselweyo leeyunithi zobushushu

ukuze womelele futhi ukhule kakuhle. Amaqondo obushushu afanelekileyo

aphakathi kwe 10°C ukuya kwi 15°C afanele ukuba ulinywe ngawo umbona.

Ngoko ke, akuncedi nokutyala isityalo emhlabeni phambi kwexesha kakhulu.

Imfihlelo kukulinda ukuba ixesha lokulima lifikelele kumaqondo

obushushu anozinzo ngakumbi njengoko oko kuqinisekisa ukuhluma

kwezityalo eziselula okufanayo. Ukuba iimvula ezifike emva kwexesha

zikunyanzele ukuba utyale emva kwexesha kunemfanelo, kubalule-

kile ke ngoko ukuba wazi ukuba ufanele uziqhelanise futhi ukuba kuye-

nzeka ungajonga ekutyaleni omnye wemihlanganisela wombona okhula

ngokukhawuleza okukhulu okanye mhlawumbi ungawulimi kwaphela

umbona kodwa ukhangele esinye isityalo esikhula kwixesha elifutshane.

Iiveki zokuqala ezintathu emva kokutyala zibalulekile kwimpumelelo yesi-

tyalo kwaye iimeko ezigqubayo ziya kuba nefuthe kwisakhono sesityalo.

Qinisekisa ukuba uyazi kakuhle imida yokuqalisa okutsha efanelekileyo

yokutyala kunye nalo mida yokuqala okutsha esithi ‘selidlule kakhulu ixesha

lokutyala’.

Yazi imida yokuqalisa

ukutyala

ebaluleke

kumaxa akho okukhulisa

Jenny Mathews, umbhali kwiPula

Imvula. Thumela i-imeyili apha

jennymathews@grainsa.co.za