MADE POSSIBLE BY
THE MAIZE TRUST
6
Qwalasela izifo zamagqabi...
Amachokoza angwevu emagqabini.
3
Imigca yeebhaktiriya emagqabini.
5
Isifo semigca emboneni.
6
Iimpawu zothintelo lokutshiswa lilanga/yimbalela emagqabini ombona.
4
angwevu emagqabini. Isifo esibangelwa ziibhaktiriya asinakutshatyala-
liswa ngeekhemikhali zomngundo kanti ukuzitshiza kungayimpazamo
eneendleko eziphezulu – kodwa ngaphandle kweziphumo.
ISIFO SEMIGCA EMBONENI
Isifo semigca emboneni (
Ifoto 6
) sibangelwa yivayirasi yemigca embo-
neni. Sisifo esimbaxa, apho ivayirasi itshintsha ibe yintethe yamagqabi.
Iimeko zokusingqongileyo zinefuthe kule mo, impilo nokusasazwa kwe-
ntethe yamagqabi – eyalatha imeko nobunzulu besifo.
Ivayirasi yemigca emboneni ayinakutshatyalaliswa ngekhemikhali
yokubulala umngundo. Ukutshabalalisa ivayirasi yemigca emboneni
kubandakanya umdibaniso wamanyathelo ukucutha okanye ukunciphisa
umngcipheko wesifo. Nangona iikhemikhali zokubulala izinambuzane zise-
benza kakuhle njengonyango lwembewu futhi zikwazi nokuthintela iintethe
zamagqabi ukuba zingazondli ngezityalo eziselula kwaye zingathuthi ivayi-
rasi, akukho siqiniseko okanye sisombululo sesifo sifumaneka ngesiquphe.
ISIPHETHO
Ziliqela ezinye izifo zamagqabi ezingakhankanywanga kweli nqaku kuba
azixhaphakanga kangako okanye zibonakala manqapha. Nangona kunja-
lo, oku akuthethi ukuba azinakukhokelela kwiilahleko ezinkulu zezivuno
phantsi kweemeko ezilungileyo. Ukuze kusetyenzwe kwangoko, bubu-
lumko ukuqhuba ngokuzidibanisa nabanolwazi oluphangaleleyo okanye
ingcaphephe xa kubonakala iimpawu ezikrokrelekayo.