Previous Page  14 / 16 Next Page
Information
Show Menu
Previous Page 14 / 16 Next Page
Page Background

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUST

14

I

NKUTHAZO YOKUBHALA ELI NQAKU IVELE KWINQAKU

LIKA-ANDRIES WIESE – ‘INGABA IINKATHAZO ZEMALI

ZASEMZANTSI AFRIKA ZILICHAPHAZELA NJANI ISHISHINI

LAKHO,’ ELALIPAPASHWE KWI-

FARMER’S WEEKLY

YOMHLA

WAMA-29 KUNOVEMBA NGO-2019. IINKATHAZO EBEZISO-

NJULULWA KUKWEHLA KWEXABISO LEMALI, UKUTHOTYWA

KWESAKHONO SOKUHLAWULA AMATYALA ELIZWE, UKUNIKA

ITHEMBA KUBATYALI-MALI KUNYE NOKUCHITHEKA KWEMALI

YOSHISHINO. KANTI UMNTU ANGADIBANISA NEQONDO ELI-

PHANTSI LOKUKHULA OKANYE I-GDP NJENGENKATHAZO.

Sekuphantse kwaphela unyaka, kwaye obekucingeleke kwangaphambili

kwelo nqaku kubonakele kuyinyaniso. Umgangatho wexabiso lerandi utho-

tyiwe oko kuthetha ukuba amandla exabiso lerandi ehlile ukuze isiphumo

soko sibe ngamaxabiso anyukileyo eemveliso ezithengwa emazweni anga-

phandle, ezifana neemveliso zethu eziliqela zamalungiselelo okufama.

Umgangatho woMzantsi Afrika uthotyelwe kwimo kagqush’ enkunkumeni.

Oku kuthetha ukuba abatyalimali ehlabathini jikelele babona uMzantsi

Afrika njengomngcipheko ngokubhekiselele kutyalomali. Le meko ichapha-

zela ithemba labatyalimali, beli lizwe nabamazwe angaphandle, ngendlela

eyenza ukuba uMzantsi Afrika ungathembeki kubatyalimali kuba benge-

nakuqiniseka ukuba baya kufumana imbuyiselo entle kutyalomali lwabo

kanti likhona nexhala lokuba ingaba iya kubuya na imali yabo.

Ekuqaleni konyaka kubhengezwe ukuba uMzantsi Afrika ukwimo

yokubuya umva ngokoqoqosho ngenxa yentsilelo kwiMveliso yeLizwe

iPhelele. Xa kuthelekiswa noshishino oku kuthetha ukuba eli lizwe alifaki

nzuzo – ingeniso iphantsi kwiinkcitho. Ngoko ke, kufuneka kubolekwe

imali eninzi ukuze kuhlawulwe zonke iinkcitho zikarhulumente ezifana

nemivuzo. Malunga noshishino oku kwalatha ulawulo olusilelayo.

Ngaphaya koko, siphinde sathwaxwa ngubhubhane welizwe

wentsholongwane yecorona nekhokelele kumvalela-ndlwini. Ngapha-

ndle kwemingeni ebangelwe ngumvalela-ndlwini, njengoko kuxoxwe

ngayo kwinqaku elingaphambili (i

Pula Imvula

kuSeptemba ngo-2020)

kunye neenkathazo ezikhankanywe kumhlathi ongasentla, zingumfane-

kiso otyhilekileyo onganiki themba kakhulu worhwaphilizo oloyikekayo

olwenzeke malunga neengxowamali zobonelelo ngenxa yentsholo-

ngwane yecorona. Urhwaphilizo beselubangela imbonakalo engatha-

ndekiyo malunga notyalomali eMzantsi Afrika.

Ezi ziibhola ezothusayo ezinamagophe ezimbalwa eziphoselwa

kubalimi bethu, ezinkulu okanye ezincinane. Ngokubhekiselele kulawulo

lweshishini lokufama lwakho kungenzeka ujongane nezi bhola okanye

uziphephe. Umngeni kukuba ezi bhola ezinamagophe zonke zingaphaya

kwamandla akhe nawuphi umlimi, ziyimibandela evela ngaphandle.

Okwenzekayo kukuba, ngokufutshane iziphumo zezi nkathazo efama

kukuthengwa kweemveliso zamalungiselelo emazweni angaphandle

ezifana namafutha okubasela, iikhemikhali, izichumiso kunye noomatshini

kwaye zisuke zaneendleko eziphezulu ngakumbi, iinkxasomali ezibole-

kiweyo nazo zineendleko ezinyukileyo, kanti zisuke zanqaba iinkxasomali.

Kwelinye icala, yinyaniso ukuba ukwehla kwexabiso lerandi kunika ithuba

lokuthengisa iimveliso emazweni angaphandle ukuba oko kuyenzeka.

Masihlale ethembeni silungiselele ukujongana nezi bhola zinamagophe

ngokunjalo sihlole namathuba eza nazo. Xa kunjalo umntu noko unakho uku-

zikhusela endaweni yokukhatyelwa ngaphandle. Asikwazi kuyijongela phantsi

imingcipheko ebandakanyekayo xa sijongene nezi meko zemali, kodwa zi-

ngakwazi ukusiphaphamisa. Kubalulekile ukujongana nezi bhola zinama-

gophe ukuze uhlale ungumlimi onozinzo. Kaloku abantu kufuneka batye.

QINISEKA UKUBA ZIKHONA IZICWANGCISO

Ukuze ujongane nezi bhola zinamagophe faka iiglavu zakho kunye

nehelmethi kananjalo uthathe iphini lakho lokubetha ibhola:

• Qinisekisa ukuba

unenkqubo efanelekileyo yogcino-zingxelo

uku-

ze ukwazi ukuvavanya imiba yemali yefama yakho ngokufaneleki-

leyo. Kuya kuba luncedo ukusebenzisa imithetho-siseko yokufama

okuchanekileyo ukuqinisekisa iingxelo eziphucukileyo nokunikela

ngeenkcukacha eziphuculweyo.

• Wulawule ngenkuthalo umqukuqelo wekheshi ngokusebenzisa

uhlahlo-mali lomqukuqelo wekheshi

ngakumbi malunga neente-

ngo. Kulumkele ukufane uthenge izinto obungazicwangciselanga

ngakumbi ngokuphathelele kwimpahla yexabiso eliphezulu (ooma-

tshini, izixhobo zokusebenza). Amaxabiso anezaphulelo awasoloko

engamaxabiso anezaphulelo. Ngaphandle

kwenkcazo yomquku-

qelo wekheshi

ofanelekileyo akusayi kukwazi ukulawula umquku-

qelo wakho wekheshi ngokufanelekileyo.

• Lawula iindleko zakho zabucala okanye zekhaya – kuluncedo kakhulu

kwaye kucetyiswa ukuba ube nohlahlo-mali olwahlukanisiweyo malunga

nezi ndleko. Musa ukuphila ngaphaya kwamandla akho emali.

• Lawula iindleko zakho zeemveliso zamalungiselelo ngokusebenzisa

isicwangciso seshishini lokufama futhi wenze amanyathelo okunciphisa

iindleko. Xa kukho

inkcazo yengeniso efanelekileyo

, oko kuyenzeka.

Qiniseka ukuba usebenzisa isixa esichanekileyo seemveliso zamalungi-

selelo ngokweengcebiso kunye/okanye ngokwezicwangciso.

• Yihlole ngocoselelo imeko yemali yeshishini lakho lokufama. Sebe-

nzisa

inkcazo yolungelelwano lwemali

uze uqwalasele amatyala akho

kakuhle. Ityala alingomhlobo wakho futhi amatyala amakhulu abe sisiwo

sabalimi abaninzi. Kwithuba langoku amaqondo enzala aphantsi ngenxa

kabhubhane wehlabathi, kodwa uze ungakujongi oku njengethuba

lokuboleka enye imali. Amaqondo aza kuphinda anyuke kwakhona. Xa

kunokwenzeka ukuba kufuneka ukuboleke imali ngenene, qala uthetha-

thethane ngenjongo yokufumana elona qondo liphantsi lenzala.

• Hlola imigaqo yakho yokwenza iimveliso. Yenza umsebenzi wokufama

ngezinto eziyindalo uze uphucule impilo yemihlaba yakho. Sebenzisa

imithetho-siseko yokufama ngolondolozo, oku kuya kunceda ekunci-

phiseni iindleko zakho zokwenza iimveliso.

• Okona kubalulekileyo – ingaba unaso

isicwangciso soshishino esifane-

lekileyo

?

ISIPHETHO

Amanye amanyathelo akhankanyiweyo bekuxoxiwe ngawo kumanqaku

angaphambili ngokweenkalo ngeenkalo kodwa uphinda-phindo lugxini-

nisa kuphela okona kubalulekileyo malunga nala manyathelo. Khumbula

ukuba luyafumaneka uncedo lokuhlola ishishini lakho ngokutsha. Sebe-

nzisa ubungcaphephe obufumaneka kumashishini namaziko ezolimo

afana neGrainSA.

JONGANA NEENKATHAZO ZEMALI

zaseMzantsi Afrika

Marius Greyling, umbhali kwiPula

Imvula. Thumela i-imeyili apha

mariusg@mcgacc.co.za