Previous Page  11 / 16 Next Page
Information
Show Menu
Previous Page 11 / 16 Next Page
Page Background

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUST

11

UKUQONDA I-PH

I-pH ingalinganiswa kwijelo lamanzi okanye

kwijelo lekhemikhali yesithintelo lamanzi

necalcium chloride. Qiniseka ngokulazi

olisebenzisayo. Uluhlu lwe-pH nokukhula

kwesityalo okufanelekileyo kunye ne-pH

(CaCl

2

) ziboniswa kwi

Sazobe 1

.

Itheyibhile 1

ikunika isalathiso sesivuno

esinokufumaneka ukuya kwindlela efundeka ngayo i-pH yomhlaba efanele-

kileyo. Umzekelo, ukuba utyala umbona emhlabeni one-pH ye 4.7 xa

kuthelekiswa none-pH ye 6,8 usenokufumanisa ukuba ngama- 34% kuphe-

la esivuno esisesona siphezulu sinokufumaneka kuloo mhlaba. Kwimihla-

ba enzulu kodwa easidi kakhulu kwaZulu-Natal, izivuno zande ukususela

kwiitoni ezi-2,5 ngehektare nganye ukuya ngaphezu kweetoni ezi-8 nge-

hektare ngokulungisa i-pH yemihlaba usebenzise ukukalika kwithuba elide.

Oku kungafuna amaxesha aliqela okusebenza nokuphakathi kweetoni ezi-

ntlanu ukuya kwezisixhenxe zekalika yecalcitic okanye idolomitic. Ikalika

yedolomitic equlethe imagnesium iyacetyiswa xa ulwalamano lwecalcium

nemagnesium emihlabeni yakho nalo ludinga ukulungiswa.

Ezi ziingqwalaselo jikelele ezalatha iziqhelo. Umlimi ngamnye

ufanele ukuba nofifi lwemisebenzi efanelekileyo neziphumo zokukalika

emihlabeni yakho kwiminyaka emininzi. Umthetho ongenakuphikiswa

kukuba ukufakwa kwekalika okuthile kuzibonakalisa ngokuxhomekeke

kumdibaniso womxube womhlaba kumaxesha mhlawumbi amathathu

okulima kuze kuchaphazele isicwangciso esithi sitshintshwe ukuya kwi-

pH enqwenelekayo. Iimvavanyo zamaxesha okulima emasimini akho

ziya kubonisa inkqubela eyenziwa malunga ne-pH efanelekileyo ye 6,8.

Izivumo zezityalo ezandileyo ezifunyanwayo ziya kuphinda zalathe uku-

sebenza kwenkqubo yangoku yokufakwa kwekalika.

Kwingqalelo iphelele yesakhono sotshintshiselwano lweziqalelo

eziququzelayo (CEC) uvavanyo lwakho lungabuya lubonisa ukuxi-

nana kweasidi ephakathi kwama 30% nama 40% meko leyo yomhla-

ba easidi kakhulu. Ngamazwi alula oku kuthetha ukuba ama 30%

ukuya kuma 40% ezithuba kwijelo lomdibaniso womhlaba, endaweni

yokuba zigcine izondlo eziphambili ezifana nepotassium, isulphur,

necalcium zisuka zithathwe ziziqalelo zehydrogen. Umhlaba ke

ngoko awukwazi ukugcina izondlo ezifunekayo ukuze izityalo zikhule

kufumaneke izivuno ezizezona ziphezulu. Ukukalika kuya kuphucula

isakhono somhlaba sokugcina izondlo ezinokufumaneka kwizityalo

kwibanga lokuziphinda-phinda nelokubumbeka kwembewu.

ISICWANGCISO OKANYE ISICWANGCISO-CEBO

SOKULUNGISA UMHLBA

Isicwangciso-cebo siphelele sokulungisa umhlaba sinokubandakanya

ukufakwa kwekalika yecalcitic okanye idolomitic ukuze kuphuculwe i-pH,

igypsum ukulungelelanisa isulphur, iMAP ukuphucula imo yephosphate

neKCL ukulungisa imo yepotassium. Ukuba ifakwe yikhontraktha le re-

siphi inganeendleko eziphakathi kwe-R1 850 nama-R2 500 ngehektare. Le

ingaba yiblorho ethe qelele kwabanye abalimi kanti umhlaba ofaneleki-

leyo ungafumaneka kwiminyaka eliqela.

Xa kuthathelwa ingqalelo yokukalika kuphela, iindleko zixhomeke-

ka kumgama womlimi ukususela apho ikhoyo ikalika ukuya apho isiwa

khona iimveliso zingaba phakathi kwama-R600 nama-R700 ngetoni

nganye kanti iindleko zokuyifaka ngama-R200 ngehektare malunga na-

balimi abasebenzisa iikhontraktha. Abalimi baKwaZulu-Natal ubukhulu

becala bafaka ikalika ngezixhobo zabo.

Bala iindleko zakho zenkqubo yokukalika, ube nengcali kwezemihlaba

ukuba uyafuna uqwalasele ezi ndleko ngokuphathelele kwiinzuzo zemali ezi-

fumaneka ngenxa yokwanda kwezivuno kumaxesha okulima aliqela. Qala

ngemihlaba yakho eyiyona inesakhono esiphezulu uze wenze isicwangciso

sokulungisa umhlaba ngamnye efama kwiminyaka eliqela ukuze udodo-

balise iindleko zemali nemingcipheko kwishishini lakho lokufama.

ISIPHELO

Abalimi abanamava, iingcali zemihlaba, iiarhente zezichumiso, abacebisi,

nezinye iingcaphephe zentsimi bonke banoluvo lokuba ‘ukukalika kuyase-

benza’. Kodwa qaphela iziphumo zemali nemingcipheko phambi koku-

ndulula inkqubo epheleleyo yokukalika. Kwenze ngobuchule oku ngentsimi

nganye enesakhono esiphezulu kwifama yakho. Abo balimi banofikelelo

kwiinkxasomali zobonelelo mabalisebenzise elo thuba, ngokukhawuleza

kangangoko kunokwenzeka, bafake ikalika njengesiqalo sokudala umhlaba

ofanelekileyo oya kuqinisekisa izivuno eziphezulu ukuya kwikamva.

1

I-pH yomhlaba ye-5,2 ukuya kweye-8,0 inika iimeko ezizezona

zifanelekileyo kwezona zityalo zininzi zorhwebo kulimo.

Ukusasazwa kwekalika.

Ifoto: Jenny Mathews

Ukwenza icebo – ukusasaza ikalika ngesisasazi sezichumiso.

Ifoto: Jenny Mathews