MADE POSSIBLE BY
THE MAIZE TRUST
8
K
WELI NQAKU SIZA KUNIKA IINKCUKACHA NGO-
KUBANZI ZEXESHA LOKUTHENGISA LANGO-
2020/2021, MALUNGA NENTENGISO NENTENGO
NGOKUNJALO NAMAXABISO.
IZIQHELO ZENTENGISO EHLABATHINI
Okulindelwe ngombona ehlabathini kwixesha elitsha
kubukeka kulungile, kanti imveliso ilindeleke ukuba idlu-
le kweyexesha elidlulileyo nge 2,8%. Nangona kunjalo,
iimeko zemozulu ezilungileyo ziyalambatha kwiindawo
ezithile zelizwe ezinemveliso enkulu ukuze oko kubambe-
zele umsebenzi wokuvuna ngokunjalo nokulima, kanti
oku kuhambelana nemfuno enamandla yokuthenga, nga-
kumbi eChina. Ifuthe libonakala ngokunyusa amaxabiso
malunga nabathengisi abakhulu njengeUSA, iiUkraine,
iBrazil neArgentina; njengesiphumo soko, sibone uku-
nyuka kwamaxabiso naseMzantsi Afrika, ngenxa yefuthe
leemeko zokulima neqondo lotshintshiselwano analo loo
mazwe kummandla wentengiso weli lizwe.
IZIQHELO ZENTENGISO YELI LIZWE
Ngokwamanani akutshanje eSAGIS, iimveliso zombo-
na ezinikelwe ngumthengisi ekupheleni kukaOkthobha
beziziitoni ezizigidi ezili-13,8 ziphelele, isi-7,9 seetoni
ezizigidi zombona omhlophe kunye neetoni ezizigidi
ezi-5,9 zombona otyheli, engama-93,6% yemveliso
eqikelelwe yiKomiti yeeNgqikelelo zeziTyalo (CEC)
(
Itheyibhile 1
).
Akumangalisi ukuba singenambona esiwuthenge kwa-
manye amazwe, xa sithathela ingqalelo isityalo ebe-
sisikhulu kweli xesha lokulima. Umbona ekujongwe
ukuba uya kugcinwa ekupheleni kwexesha lokulima
(ngowama-30 kuApreli ngo-2021) uqikelelwa kwiitoni
ezizigidi ezili-1,887. Ukuba uqhubela phambili malunga
neetoni ezingama-939 083 ezingumyinge ngenyanga,
oku kuthetha ukuba siya kuba namanqanaba empahla
egciniweyo eyaneleyo nesiya kuba nayo kwiinyanga ezi-
mbini okanye kwiintsuku ezingama-61 ekupheleni kwexe-
sha lentengiso, phambi kokufika okutsha kweemveliso
okanye siya kuthenga emazweni angaphandle.
Imfuno yentengo yombona yeli lizwe isentle. Malu-
nga neetoni ezizigidi ezi-5,6 zombona, beziguqu-guqulwe
ukwenzela ukusetyenziswa ngabantu, nesondlo sezilwa-
nyana kunye nokutya okusiliweyo, esi sisandiso se 4,5%
xa kuthelekiswa nelithuba kunyaka ophelileyo. Ngoku-
bhekiselele
kwiTheyibhile 2
, ukuguqu-guqulwa kombona
omhlophe kwande nge 25%, kanti isondlo sezilwanyana
sisebenzisa umbona omhlophe ongowona mninzi. Seku-
kho ukwehla nge 14% ngombona otyheli xa kuthelekiswa
Okulindelwe ngentengiso
yombona kwixesha elizayo
Ikageng Maluleke, Ingcali yezoQoqosho
kuLimo, eGrain SA. Thumela i-imeyili
apha Ikageng@grainsa.co.za
1
2019/2020
2020/2021
Intengiso
Iitoni
Iitoni
Impahla yokuvula
2 663 086
1 000 601
Iimveliso ezinikelwe ngumthengisi
10 887 053
14 750 220
Ezithengwe ngaphandle
509 684
0
Ezinikelwe kwangoko
15 057
-1 241
Iintshiyekela
22 336
28 000
Intengiso iphelele
14 082 159
15 777 580
Intengo
Intengo yeli lizwe
11 106 412
11 269 000
Ezithengiswa ngaphandle
1 745 000
2 560 000
• Iimveliso
360 812
300 000
• Umbona opheleleyo
1 448 761
2 150 000
Intengo iphelele
13 081 558
13 890 500
Impahla ekugqityeliswe ngayo (30 Apreli)
1 00 601
1 887 080
Intengiso nentengo yeli lizwe.
1
Iintengiso zombona omhlophe notyheli zeveki nganye kumazwe angaphandle.
Umthombo weenkcukacha: SAGIS