Previous Page  10 / 16 Next Page
Information
Show Menu
Previous Page 10 / 16 Next Page
Page Background

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUST

10

S

IKHE SAQWALASELA UKUCHUMA KWEMIHLABA,

ULAWULO LWEZITYALO ZAKHO KUNYE NOJIKELE-

ZISO LWEZITYALO KWINKQUBO YOKWENZA IIMVE-

LISO UKUZE KWAKHIWE ISICHUMISO ESIVUNDILEYO,

IZONDLO ZEZITYALO EZINGUNDOQO NEZIBA-

NJWE LUDONGWE OLUNESANTI NOMXUBE WOVUNDUVUNDU

NOKOMELEZWA KWEZIDALWANANA ZOMHLABA EZIMBAXA

NGOKUNJALO NOKUFAKWA KWEZICHUMISO KUMANQAKU

ANGAPHAMBILI E

PULA IMVULA

. KHAWUPHINDE UWAQWALASE-

LE UKUZE UHLAZIYE FUTHI UPHUCULE ISISEKOSAKHOSOLWAZI.

Umba obalulekileyo wokulima izityalo zorhwebo emhlabeni wakho

kukwazi nokuqonda ukuba lithini iqondo le-pH okanye lobuasidi bemihla-

ba, kwiintlobo ngeentlobo zemihlaba, ezikwifama yakho, ngokulilinganisa

xa usenza uvavanyo lwemihlaba okanye phambi kokwenza ucwangciselo

lwenkqubo yokukalika ehlanganiselweyo. Ukuba umhlaba uasidi okanye

ualkaline ngokugqithiseleyo, ‘usenokulungiswa’ ngokufaka imidibaniso

eyahluka-hlukileyo kuqukwa ikalika ecalcitic okanye edolomitic kwinkqu-

bo yokulungisa yethuba elifutshane, eliphakathi nelide ecwangciselwe

ngokuqaphela kwintsimi nganye.

Ukuba imihlaba yakho enesakhono esiphezulu neyona inzulu iasidi kakhulu

usenokukuphosa ukufumana izivuno ezizezona ziphezulu kwiminyaka ye-

mvula eyiyona ifanelekileyo. Ukongeza itoni okanye ngaphezulu yesivuno

sombona kwiminyaka emininzi kungakhokelela ekwandeni okukhulu kwe-

ngeniso ukuze kubekho uzinzo kuqoqosho kwiminyaka ezayo. Kwixabiso

elingange-R2 500 ngetoni kwiminyaka emihlanu kungafumaneka i-R12 500.

Ukubambezela uhlalutyo lwengxaki enokuba ikhona yeasidi egqi-

thiseleyo nempumezo yenkqubo efanelekileyo necwangciselweyo yoku-

kalika kusenokuba neendleko eziphezulu kakhulu ngakumbi xa isityalo

esinenzuzo encomekayo sidinga izivuno eziphezulu. Iindleko ezingqali-

leyo zombona zixhomekeke kumgqaliselo wesivuno okanye kwisakhono

semihlaba ephantsi kwengqalelo futhi zinokufikelela kuluhlu olususela

kuma-R7 000 ukuya kuma-R10 000 ngehektare

malunga nokulima emhlabeni owomileyo. Oku

kuthetha ukuba isivuno seetoni ezi-2,8 ngehek-

tare nganye ukuya kwiitoni ezi-4 ngehektare

esifunekayo ukuhlangabeza iindleko ezingqali-

leyo ngehektare nganye. Naziphi izivuno ezi-

ngaphezu koko ziya kuya kwiindleko zakho

ezisisigxina ezifana nokubuyisa imali yesibophe-

lelo sentlawulo yendlu, iintlawulo zokuqesha

umhlaba, irenti, umbane njengoko kuchazwe

ngokwemigaqo yakho yobalo-mali neenkqubo.

Kubalulekile ukuhlola isakhono sesivuno sakho

ngaphandle kweengxelo ezineenkcukacha zafa-

ma. Abalimi abaninzi banoqikelelo abalubaxayo

lwezivuno zabo zenene xa besenza uhlalutyo

lwabo lomda wesivuno esipheleleyo.

1

Isityalo

I-pH yomhlaba

4,7

5

5,7

6,8

7,5

Isivuno ngokubhekiselele (i-100 sesona sifanelekileyo kanti i-0 sesona

sisileleyo) kulwalamano olufanelekileyo

Umbona

34

73

83

100

85

Ingqolowa

68

78

89

100

99

Iimbotyi zesoya

65

79

80

100

93

Iowuthsi

77

93

99

98

100

Ilusini

2

9

42

100

100

Iintlobo zengca

31

47

66

100

95

Izivuno zesityalo ngokubhekiselele kwi-pH.

IZIPHUMO

zokungakaliki

imihlaba yakho easidi

Ifoto: Jenny Mathews

Richard McPherson, umbhali

kwiPula Imvula. Thumela i-imeyili

apha richard@agrimetrix.co.za