Previous Page  7 / 16 Next Page
Information
Show Menu
Previous Page 7 / 16 Next Page
Page Background

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUST

7

A

BALIMI BAPHANTSI KOXINZELELO OLUXHALA-

BISAYO LWEENDLEKO OLUBANGELWA KUKU-

NYUKA OKUTHE CHU KWAMAXABISO EEMVELISO

ZAMALUNGISELELO KUQUKA IMIVUZO EYIYONA

IPHANTSI. INDLELA YOKUNQANDA OLU XINZE-

LELO KUKWANDISA IMVELISO. KUMANQAKU ANGAPHAMBI-

LI SIXOXE NGEZINYE IINDLELA MHLAWUMBI ZOKUNYUSA

INGENISO KUNYE/OKANYE UKUNCIPHISA IINDLEKO UKUZE

KUGCINWE INZUZO ENOZINZO.

Enyanisweni abalimi mabazame ukwandisa umsebenzi wabo wokufa-

ma kunye/okanye bagcine iinzuzo ezinozinzo. Ngoko ke, kuyimfuneko

ukuzama ukugcina iinzuzo kwiinkalo ezahluka-hlukileyo.

Kweli nqaku siza kujolisa kubasebenzi beshishini kunye nobudlelwane

babo nabaqeshi babo obaziwa ngokuthi bubudlelwane babasebenzi. Uxi-

nzelelo lwemali lunyanzela abanini/abalawuli beshishini ukuba babajonge

ngenye indlela abasebenzi babo. Iindleko zabasebenzi zinyuke kakhulu

kanti kule mihla zezinye zeendleko eziphezulu zeshishini.

Ubukhulu bomsebenzi owenziwa kwifama uhambelana nenani laba-

sebenzi abenza umsebenzi, ixesha elisetyenziselwe ukwenza umsebenzi

kunye nesiphumo semizamo yomqeshwa. Xa abaqeshwa bebaninzi

nomsebenzi wabo uyanda, balondoloza ixesha kunye/okanye base-

benzise imithombo yoncedo ngendlela encomeka ngakumbi kuze ku-

phucuke neziphumo. Isiphumo siba neendleko eziphantsi kunye/okanye

ingeniso ibe fphezulu.

NDINGABUPHUCULA NJANI UBUKHULU

BOMSEBENZI OWENZIWEYO?

Ukuze kwenziwe umsebenzi kufuneka abantu abasebenzisa eminye

imithombo yoncedo (izixhobo noomatshini) ngoko ke,

umsebenzi =

abantu x imithombo yoncedo

. Abantu ke ngoko bayinxenye esisiseko

sokwenziwa komsebenzi kwaye imbonakalo-zimvo yabo ibalulekile. Imi-

thetho-siseko efanele ukuxoxwa isetyenziswa nokuba umqeshwa mnye

kuphela okanye baliqela.

Mandulo abaqeshi babengakuqondi ukubaluleka kwembonakalo-

zimvo yabaqeshwa malunga nobukhulu bomsebenzi owenziweyo.

Uluvo jikelele yayikukuba abantu abafuni kusebenza, kufuneka banya-

nzelwe baze baxhatshazwe ukuze bade basebenze. Isiphumo soko sibe

bubudlelwane babasebenzi obulambatha ngenene. Izinto ziye zaba

mbi kakhulu kangangokuba ekugqibeleni urhulumente wenze ilinge

lokubulawula ngomthetho obu budlelwane. EMzantsi Afrika sinemi-

thetho eliqela emalunga nabasebenzi iquka uMthetho wobuDlelwane

babaSebenzi. Ngokuthobela imimiselo yemithetho, abaqeshi basingi-

se ekuphuculweni kobudlelwane. Nangona kunjalo, kusekuninzi

okunokwenziwa ukuze kusekwe ubudlelwane obulungileyo kunemi-

bandela eshukuxwe emithethweni.

Sekuxelwe ngokubanzi ukuba imbonakalo-zimvo yabaqeshwa ine-

futhe elikhulu kubukhulu bomsebenzi owenziweyo. Ubudlelwane babase-

benzi ngumba ongundoqo kulonwabo lwabasebenzi nokuzibandakanya

kwabo. Xa ulawulo lwabasebenzi lulambatha, isiphumo siba yimbonaka-

lo-zimvo yabasebenzi engenamvisiswano, xa kungenjalo oku kuba yenye

indlela. Abaqeshwa abanembonakalo-zimvo engenamvisiswano baya

kusebenza ngokucothisisa, benza umsebenzi othile ngokungakhathali,

bonakalisa izixhobo zokusebenza neminye imithombo yoncedo, benze

umsebenzi ongekho mgangathweni, bafike emisebenzini emva kwexe-

sha, bathathe iintsuku ezingeyomfuneko zekhefu lokugula, njalo njalo.

Onke la ngamanyathelo achasene nobukhulu bomsebenzi owenziweyo,

kwaye akhokelela ekuncipheni komsebenzi owenziweyo.

Xa abaqeshwa benenkuthazo kwaye belawulwa kakuhle, baya

kuba nembonakalo-zimvo yemvisiswano ngokunjalo baya kuzinikela

ekusebenzeni ngenkuthalo futhi babe ngabaqeshwa abathembeki-

leyo. Isiphumo – kukuphucuka komsebenzi owenziweyo. Umngeni

wabaqeshi yindlela yokuphatha abasebenzi ngenkuthazo ukuze ba-

phucule ukusebenza kwabo. Ukusebenza nabantu kusenokuba nzima

ngenxa yokungafani kwendlela esidalwe ngayo, iimvakalelo, izakho-

no, ukuziphatha kwethu nangezenzo.

Ngokufutshane, ufanele ukuphatha abasebenzi bakho njengaba-

ntu ngokwendlela obunokuthanda ukuphathwa ngayo ngumphathi

wakho. Phatha abasebenzi bakho ngesidima, ngentlonelo, baphathe

ngokufanelekileyo phantsi kwazo zonke iimeko, wancome amalinge

abo, banike uxanduva lomsebenzi, banike uqeqesho olufanelekileyo

ngokunjalo bavuze ngokufanelekileyo. Nxibelelana rhoqo nabase-

benzi bakho malunga nombono wakho, umnqophiso nangemigqali-

selo yeshishini ngokunjalo nangendima yabo kwimpumezo yoku.

Uze ungalibali ukunxibelelana nabasebenzi bakho ngomgangatho

womsebenzi wabo uncome apho wenziwe khona kakuhle umsebenzi.

Musa ukuthetha kakubi ngabasebenzi bakho. Kodwa kwakhona, qini-

sa isandla ungajiki kwinto oyilindele kubo. Ukuba umqeshwa waphule

umthetho, thatha amanyathelo ayimfuneko ngokomgaqo nekhowudi

yoluleko. Naxa kunjalo baphathe ngokufanelekileyo futhi ngqongqo.

Xa sikucebisa ukuba ufanele ukuphatha abaqeshwa bakho nje-

ngabantu, asithethi ukuba kufuneka ubaphathe ‘njengabahlobo’,

ikude leyo into.

Ukuphumeza umsebenzi omkhulu owenziweyo qinisekisa

ubalaselo lweshishini jikelele, ufanele ukubabandakanya abaqeshwa

bakho. Udinga abasebenzi abazinikeleyo nabanentumekeko. Uku-

phumeza oku, kufuneka uyiqaphele indlela oqesha ngayo abantu.

Qinisekisa ukuba uyazazi iimpawu ozifunayo. Ingaba unalo uhlalu-

tyo lomsebenzi ofanele ukwenziwa? Ingaba unalo uqeqesho lwa-

ngaphakathi? Uyayazi imiba yamandla neyobuthathaka bomqeshwa

ngamnye kwaye uyisebenzisa kakuhle? Okubalulekileyo koku, unga-

balawula njani abasebenzi bakho xa ungabazi ngabanye? Ukuze ube

ngumntu onomsebenzi omkhulu owenziweyo kufuneka ube nenku-

thazo, imbonakalo-zimvo yemvisiswano nezakhono kunye nobuchule

obuyimfuneko.

Lawula abasebenzi bakho ngobulumko ukuze wandise umsebenzi

owenziweyo ngokwenza njalo wandisa neenzuzo zakho. Umsebenzi

owenziweyo omkhulu ungakhokelela ekuncipheni kweendleko ku-

nye/okanye wandise ingeniso, isiphumo sibe kukuphucuka kwee-

nzuzo eziya kuba luncedo kubo bonke ababandakanyeka kwishishini

– umqeshi nabaqeshwa.

Ukwakha abasebenzi

abazinikeleyo nabanentumekeko

Marius Greyling, umbhali kwiPula

Imvula. Thumela i-imeyili apha

mariusg@mcgacc.co.za