MADE POSSIBLE BY
THE MAIZE TRUST
3
thwe inkxalabo neendleko zokondla imfuyo yethu kwiinyanga zembalela
ngoko ke sisingise ekulimeni namanye amadlelo engca kunye nezityalo
zokutshintsha ezahluka-hlukeneyo.
Umgangatho womsebenzi owenziwayo walo naliphi ishishini
unokuhlalutywa ngokubuza imibuzo enjengale:
• Umgangatho wempumezo – ndifikelela njani kwimigqaliselo yeshi-
shini lam?
• Umgangatho wobuchule – zeziphi iindleko ezifunyenwe endleleni
yokuphumeza imigqaliselo yam?
Umlawuli ngumntu owenza izicwangciso, ulungiselelo, owalatha indlela
nolawula ulwabelwano lwemithombo yoncedo engabantu, izinto ezisetye-
nziswayo, imali nolwazi kwinzondelelo yemigqaliselo yeshishini kanti xa
ungumlimi oku kubhekiselele KUWE! Uhlola uze uhlalutye njani xa usenza
isicwangciso semisebenzi yakho yokufama? Uyaziqokelela iinkcukacha,
ubulandela ngoqwalaselo ubume obungqonge ezolimo, uyawulinganisa
umgangatho wokusebenza kwabasebenzi, izithuthi zakho kunye nooma-
tshini bokusebenza, kunye namasimi akho? Ingakanani ingqiqo yobuchule
oyifaka emsebenzini wakho wokufama?
Ukuphazamiseka kwezimbo ezidala
neziqhelekileyo kwicandelo lolimo
Ngamanye amaxesha utshintsho luyacenga kwaye lwenzeka ngokutha-
nda komntu, umzekelo, mhlawumbi sifuna ukufakela isityalo sesithathu
kwinkqubo yethu yojikeleziso lwezityalo okanye sifanele ukuqesha enye
intsimi ukuze siqhube ngojikeleziso oluphucukileyo; kodwa aba maninzi
amaxesha anesidingo sootshintsho ‘ojongene nalo’ olubanzi kuze oko ku-
ngonwabisi futhi kube ngumngeni omkhulu. Akakho kuthi okhe wamemela
ebomini bethu iimbalela okanye inguquko kwimozulu kodwa siqinisekile
ukuba sifanele ukujongana nemibandela enzima futhi sihlenga-hlengise
iinkqubo zethu zokufama ukuze zimelane phucukileyo nale mingeni.
Kulula ukufane uthi hayi kutshintsho kodwa
mhlawumbi kube kungebobulumko oko
Qiniseka ukuba izizathu zakho azikokuzithethelela kuphela ngelinge
lokuqhuba ngendlela endala eqhelekileyo apho wonwaba khona:
Andinaxesha laneleyo; imali ayilingenanga; ndimdala kakhulu andi-
nako ukutshintsha; andazi ukuba ndifanele ukwenza njani; ndazi njani
ukuba kuya kuba luncedo … utshintsho lufuna inkuthazo.
Kukangaphi singanyanzeleki ukuba sijongane
nezikolo ezitsha zengqiqo kwicandelo lolimi?
Kwiminyaka engama-40 yokufama kwethu kuye kwafuneka ukuba
sinyamezele iinguquko ezininzi, iintlobo ezintsha zobuchwepheshe,
iinguquko ezimalunga neemfuno zabathengi, iinkqubo eziphucukileyo,
iimeko zoxinzelelo zomgangatho womsebenzi ezingqongwe kukwehla
kwenzuzo; iinguquko kwizicwangciso zeinshorensi kunye namathuba
oncedo lwemali. Emva koko siva oku:
• ‘Isixa esithe chatha sibhetele’ – ingaba oku kuthetha ukuba umse-
benzi wam omncinane wokufama akunakusetyenzwa ngawo
okanye awunazinzo?
• ‘Ukuhlakula kancinane kangangoko’, ‘ukungenziwa – kokuhlakula’,
‘ukuhlakula ngolondolozo’ –igama elitsha eliphambili lithi ‘ukufama
ngokohlaziyo’; – kokuphi okulungele mna? Kokuphi endinoku-
fikelela kuko ngokwemali?
• ‘Ukufama ngokuqaphela imozulu’ – Ndingumlimi olimela ukuziphi-
lisa; ndiziqhelanisa njani nokufama ngokuqaphela imozulu? Ngubani
okwaziyo okona kufanelekileyo kwingingqi yam? Ndimamela bani?
ISIPHETHO
Yiba nesibindi ukhumbule ukuba uxinzelelo lokutshintsha lusoloko lukho-
na. Asizizo zonke izinto ezifanele ukutshintsha. Nangona kunjalo, sidinga
ukuthungelana, ukuzifundisa, ukuzidibanisa nezimvo zobungcali kwaye
ukwamkele ukuthi ukuziqhelanisa ngeendlela ezininzi kubalulekile ebo-
mini nasemsebenzini womlimi. Abalimi abanempumelelo nabakwaziyo
ukutshintsha-tshintsha bayafuneka ekwakhiweni kwelizwe lethu. Uphuhliso
lwabantu ngabanye nolomsebenzi wokufama komntu ngumsebenzi oso-
loko usenziwa noyimfuneko. Ukuba nothakazelelo lokuphulaphula, uku-
funda nokutshintsha sisiqalo sempumelelo. Nalu uluvo lokugqibela: ‘Izolo
bendikrelekrele ngoko ke ndanqwenela ukutshintsha ihlabathi. Namhla ndi-
lumkile ngoko ke, nditshintsha isiqu sam.’