Previous Page  2 / 16 Next Page
Information
Show Menu
Previous Page 2 / 16 Next Page
Page Background

MADE POSSIBLE BY

THE MAIZE TRUST

2

A

MAZWI

A

VELA…

kuJannie de Villiers

E

LI XESHA LOKULIMA LIDLULILEYO BELINGU-

NYAKA OMHLE KWEZOLIMO EMZANTSI AFRIKA.

IZITYALO BEZIZIHLE, NANGONA IMVULA IFIKE

EMVA KWEXESHA. UQIKELELO LWELI XESHA

LITSHA NALO LUSANIKA ITHEMBA KAKHU-

LU. UMBA ABALIMI ABATSHA ABAWUBONA UYIMBALELA

YENENE, YIMALI YOKULIMA. UMDLA WEEBHANKI ZORHWE-

BO KUMNGCIPHEKO WOKUBOLEKISA NGEMALI YEZITYALO

ZETHU UYADANISA. UKUBA AZITSHINTSHI IZINTO, ASISAYI

KUKUBONA UKUKHULA MALUNGA NALO MBA.

Mhlawumbi kufike ixesha lokuqwalasela uMthetho wokuNikwa

kweTyala ukuze iqukwe ngakumbi imimiselo yokuveliswa kokutya.

Kwakhona malunga neeprojekthi zikarhulumente oko kuphinda

kube yenye imbalela. Iinkxasomali zanele zona, kodwa kutheni zi-

fumaneka emva kwexesha ngonyaka ngamnye, lowo ngumbuzo

wempendulo esingade siyifumane. Iingxaki zemali zeLand Bank

azinancedo nazo. Eli liziko likarhulumente elifanele ukuqhuba

kakuhle ukuba uphuhliso lugunyaziso lwalo. Iqondeka nzima kum

into yokuba urhulumente amane egrumba iSAA elusizini lwayo,

kodwa abe engenzi njalo kwiLand Bank.

Phofu, nangaphandle kwale mibandela yokude abalimi bafumane

uncedo lwemali yezityalo, iitoni zona ziyanda. Ukunyamezela okwenza

ukuba abalimi baseMzantsi Afrika badume kukwafumaneka nakubali-

mi abatsha. Intetho ethi; ‘

’n Boer maak ‘n plan

’ (

Umlimi uba necebo

),

ikwiDNA yomlimi ngamnye, nokuba ulima kangakanani na. Inkqubo

yaseGrain SA yoPhuhliso lwabaLimi isayine iimvumelwano ezintsha

nabanikeli ukuze kuncedwe abalimi bethu ngemali. Ezinye zezi zivume-

lwano ziya kuba khona kwithuba leminyaka engaphezu kwemine. Oku

kuyakhuthaza kakhulu. Abalimi abakwezi nkqubo ezilawulwa yiGrain SA

baqhube kakuhle kanti abanikeli bakhuthazwa nazezi ziphumo.

Okokugqibela, iGrain SA yenze utyalomali olutsha lokuphu-

hlisa umsebenzi wokufama. Sifumene iQumrhu elitsha: iPhahama

Grain Phakama. Eli qumrhu liza kujolisa kuphela kuphuhliso lwaba-

limi beenkozo kwaye liza kukhokelwa ziinkokheli zaseGrain SA futhi

zilawulwe ngabasebenzi baseGrain SA.

Ndininqwenelela isivuno esihle ngo-2021. Yanga iNkosi yethu elu-

ngileyo ingasinika iimvula ezintle, njengoko yasipha uNyana wayo

ekuphela kwakhe ukuze sifumane ithuba lokulima nokuvuna isiqhamo

esihle ngomhla wokubuya kwaKhe ngenye imini. Nibe neKrisimesi emyo-

li nonyaka omtsha ophuphuma yimpumelelo nongenayo tu iCOVID.

Utshintsho aluthinteleki ...

kwakhe, waphinda wazenzela idinga lovavanyo lwempilo yakhe. Waphinda

wenza isigqibo sokuba akazi kuphinda alinde ukuba abantu bamfowunele,

kodwa uza kuba nomntu amfowunelayo amxabisileyo ancokole naye ngee-

ndaba zabo … waza wenza njalo!

Kwiveki elandelayo wathatha uhlobo lwefanishala endala ekhaya waze

waqalisa ukuluchwela kanti emva kweeyure eziliqela uza kukhupha ifa-

nishala entle nebukeka intsha – yaba ntle kangangokuba bonke abantwana

babeyicela. Oku kwaba sisiqalo seziganeko ezalandelayo. Waqala ngokuya

kwiindawo zeefandesi wathenga iintlobo ezithile zefanishala yeplanga

awayezilunga-lungisa zibe ntle aze aphe abantu izipho. Ngephanyazo

iintsuku zakhe zaqala zaxakeka zaze zachuma lulonwabo. Bezingekho iifa-

ndesi ngethuba lomvalela-ndlwini, ubusigcina kwiindawo zethu singena-

bantu sincokola nabo, ngoko ke, wema umsebenzi wakhe wokusebenza

ngeplanga, kodwa wazigcina ngokwenza izinto zokudlalisa abantwana ezi-

ntle. Kubudala beminyaka engama-86 usafunda izakhono zobuchule ezi-

ntsha yonke imihla. Mihla le kuphuhla ukuzithemba kwakhe. Utata wam

utshintshile. Kumnandi ukuhlala naye kwaye usasaza umoya ongowakhe

wothando nenkathalo. Usamkhumbula uMama ngalo lonke ixesha – kodwa

ubuphila kakuhle ubomi kwaye unika inkuthazo, nabazukulwana bakhe

bayakuthanda ukudlalisa ngeemoto nezigadla abenzela zona! Akukho

nkqubela inokuba khona ngaphandle kotshintsho; futhi abo bangenakuzi-

tshintsha iingqondo zabo abanakutshintsha nto!

‘KODWA BESISOLOKO SISEBENZA NGOLU HLOBO!’

Eli lelinye lamabinzana amagama anobungozi kakhulu. Zikhona iindlela

zakudala ezilungileyo kodwa kuyimfuneko ukuba umntu ahlole ixabiso

lokwenza izinto ngendlela ebebesoloko bezenza ngayo aze azibuze

ukuba ingaba zikhona na ezinye iindlela mhlawumbi ezintsha, ezahluki-

leyo okanye eziphucukileyo zokuyenza. Ukutshintsha isiqu sakho okanye

izicwangciso zakho ngumceli-mngeni, kodwa ukuthakazelela ukuziqhela-

nisa nemeko uze utshintshe kuthetha ukuba uzimisele ukwenza okudinge-

kayo ukuze udale izinto ezintsha ukwenzela ikamva eliqaqambileyo.

Utshitsho luyimfuneko kanti ngelinye ixesha sifanele ukukhe sinqumame

sihlole ubomi bethu, ishishini lethu, imigqaliselo yethu kunye neenjongo

zethu. Kufuneka sizibuze ukuba sifanele ukucinga ntoni malunga noku-

tshintsha. UWinston Churchill wakhe wathi: ‘Ukuziphucula kukutshintsha;

ukubalasela kukutshintsha kaninzi’

UMGANGATHO WOMSEBENZI OWENZIWEYO

Umgaqo-siseko ongundoqo kulawulo lweshishini uthi: ‘Yonke imitho-

mbo yoncedo yequmrhu engabantu neyizinto ezisetyenziswayo mayi-

setyenziswe kakuhle ngendlela efanelekileyo nangexesha elifanelekileyo

ukuze kuyilwe iimveliso zodidi oluphezulu ngezona ndleko ziphantsi’.

Oku kuthetha uhlaziyo olusoloko luqhuba nokuqaliswa kweenguquko

ngexesha, umzekelo sifanele ukwakha ibhanki yokutya ukuze kucu-

Yonke imithombo yoncedo yequmrhu engabantu

neyizinto ezisetyenziswayo mayisetyenziswe

kakuhle ngendlela efanelekileyo nangexesha

elifanelekileyo ukuze kuyilwe iimveliso zodidi

oluphezulu ngezona ndleko ziphantsi’.